Ncuthu :
IZIBHALO EZINGCWELE IDUTERONOMI 21:10-14 Xa uthe waphuma, waya kulwa neentshaba zakho, wazinikela uYehova uThixo wakho esandleni sakho, wathimba abathinjwa kuzo, wabona phakathi kwabathinjwa intokazi emzimba mhle, wathana nca nayo, wayizeka yaba ngumkakho: woyingenisa phakathi endlwini yakho, ichebe intloko yayo, inqumle iinzipho zayo, iyisuse kuyo ingubo yokuthinjwa kwayo, ihlale endlwini yakho, imlilele uyise nonina inyanga iphela. Emveni koko woyingena, ube yindoda yayo, yona ibe ngumkakho. Kothi ukuba uthe akwayinanza, uyindulule iye ekuthandeni kwayo; ungakhe uthengise ngayo ngemali, ungayiphathi kakubi, uyonile nje.
2026-08-04 20:12:03